M.C. Matyumza - Ufele Lwenyamakazi
Afrika Home

M.C. Matyumza - Ufele Lwenyamakazi

Regular price R 140.00 R 0.00 Unit price per
Tax included.

Ngumdlalwana lo obonisa utshintsho kumasiko nezithethe. Umbhali uzama ukubonisa ukuba inkcubeko yomntu ayonto eme ndawonye njengoko uninzi lwabantu lucinga, koko iyatshintsha nokutshintsha kwamaxesha. Kwakhona umbhali uzama ukubonisa ukuba inkcubeko le ikho ngenxa yokuba kukho umntu kunye nemisebenzi yakhe yemihla ngemihla. Ukuba ke abantu iyatshintsha indlela abacinga nabahlala ngayo nenkcubeko yabo iyachaphazeleka.

 

Kule ncwadi amadodana amabini, enye iyeyasebukhosini enye imnyama abangisana ngentombi yenkosi. Omabini afuna utshato. Ngokwesiko lakwaXhosa abantwana basebukhosini bayatshatana. Kule ncwadi le ntombi yenkosi ithanda lo mfana umnyama kodwa nesiko yalo iyalihlonipha...


Share this Product