Fikiswa P. Magqashela - Amathaf'entandabuzo
Afrika Home

Fikiswa P. Magqashela - Amathaf'entandabuzo

Regular price R 150.00 R 0.00 Unit price per
Tax included.

Oncwadi esihloko sithi, "Amathaf'entandabuzo", ngumdlalo wokulingiswa obhalwe ngexesha lale mihla yeteknoloji yeeselula. Lo mdlalo ubhalelwa ulutsha ubukhulu becala nangona nabantu abakhulu ubalungele.

Apha ebomini ke zikho izinto esithi sidibane nazo, zimbi sigaxeleka kuzo kuba singenako ukuziphepha, kanti ke ezinye singena kuzo ngenxa yokufumana senze. Ingxaki ke iba sekuzikhupheni kwiingotsi ezinjalo sele bukrakra nobomi ngoku. Le ngxaki ke iye ingabandakanyi menzi wayo nje kuphela, kok ifaka nabantu abaninzi abasithandayo ezintlungwini.

Kwalapha ebomini siyazi ukuba siphila nje siphilela ukuncedana nokucebisana, ukuxolelana ukuze la mathafa siwahambayo siwachule ukuwanyathela, iphele nentandabuzo ngaxesha limbi ngenxa yomxhasi oye abubonakalise ubuchule bakhe kwezi nkalo.


Share this Product