Fikiswa Magqashela - Ithwazi
Afrika Home

Fikiswa Magqashela - Ithwazi

Regular price R 135.00 R 0.00 Unit price per
Tax included.

Amahla ndinyuka exesha lokufikisa ayakwazi ukuyenza ingazinzi ingqondo yomntwana ofikisayo, kanti ngaxesha limbi uye enze iimpazamo ezininzi umntwana kanti noko wobuya amise ingqondo alunge. Abazali nabo babhideka kweli thuba zibe ninzi iingcinga ezibagubungelayo ekuzameni ukulungisa isimo sontwana wabo, apho kukhe kubekho nezityholo zamagunya obumnyama, kanti noko asingawo koko ingqondo yontwana ikwixesha lokufikisa. Izinto ezihamba namaxesha, apho untwana aye azixelele ukuba mdala uzakwenza okukholisa yena, aphinde afune kungenelelwe ngabazali akuxakwa kuba ingqondo ingazinzi ke. UNokonwaba naye njengomntwana okwixesha lokufikisa waye wadibana nezi ngxaki babhideka abazali bakhe bengabantu abakhanyiselweyo, abazaziyo iimeko ezinje, kodwa kuye kubekho ukubhideka xa sele umntwana ephum'emgaqweni. Oku ke kuyayichaphazela impilo yabazali, kodwa akuncanywa noNokonwaba kweli bali akancanywanga de kwaba kuyalunga waphuma entweni wangena entweni. 


Share this Product